ISIHLOMELO 1
IBHODI YOBUGCISA YONYANGO LKWEZAMAZINYO NOCOCEKO LOMLOMO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KWIINGCALI
EZINYANGA AMAZINYO NOCOCEKO LOMLOMO NABANCEDISI KWEZAMAZINYO
Ingcali enyanga amazinyo, umfundi kunyango lkwezamazinyo, ingcali yococeko lomlomo, umfundi kucoceko lomlomo nomcedisi kwezamazinyo baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ekubhekiselelwe kwimithetho ukusuka kowesi- 2 ukuya kuma- 27. Intsilelo eyenziwe yingcali enyanga amazinyo, ngumfundi kunyango lwezamazinyo, yingcali yococeko lomlomo nangumfundi kucoceko lomlomo baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yingcali enyanga amazinyo
Ingcisa elinyanga amazinyo -
a liya kuzibophelela kuxilongo lwesibhedlele nokwenza kwisifundo sokunyanga amazinyo awufundeleyo waze wawuqeqeshelwa nalapho afumene khona amava ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bomsebenzi walo;
b liya kunxibelelana kwaye lisebenzisane noogqirha bamazinyo , iingcali zamazinyo, iingcali ezinyanga amazinyo kunye namagcisa abhalisileyo kuxilongo nakukunyanga isigulana;
c aliyi kuba nomsebenzi wangasese/wabucala ngaphandle kokuba lifezekise iimfuneko zebhodi nokusebenza ngangangonyaka omnye ubuncinane phantsi kolawulo nokonganyelwa ngugqirha kwezamazinyo okanye enye ingcali yokunyanga amazinyo evunywe yibhodi;
d liya kubhekiselela ezi meko zilandelayo kugqirha kwezamazinyo okanye kwingcali yamazinyo ngenjongo zonyango:
e aliyi kukhupha ingcambu yezinyo nokokuba kungayiphi indlela ngaphandle kokusebenzisa izixhobo zesandla okanye enze usiko kwizihlunu ezithambileyo ngexesha lokukhupha; kwaye f aliyi kwenza okanye lilungise amazinyo enziweyo okanye izixhobo zamazinyo ezibandakanyeka ekuthatheni uluvo.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yingcali yococeko lomlomo
Ingcali yococeko lomlomo -
a liya kuzibophelela kuxilongo lwesibhedlele nokwenza kwisifundo sokunyanga wokunyanga amazinyo awufundeleyo waze wawuqeqeshelwa nalapho afumene khona amava ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bomsebenzi walo;
b liya kunxibelelana kwaye lisebenzisane noogqirha bamazinyo , iingcali zamazinyo, namagcisa abhalisileyo kunganyo lwesigulana; kwaye c Aliyi kuba nomsebenzi wangasese/wabucala ngaphandle kokuba lifezekise iimfuneko zebhodi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedisi kwezamazinyo
Umncedisi kwezamazinyo uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa elibhalisileyo kwaye uya kunyina ezo zenzo aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho lwakhe kumsebenzi wokuncedisa emazinyweni.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kunyango lwezamazinyo
Umfundi kunyango lwezamazinyo uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa elibhalisileyo kwaye uya kunyina ezo zenzo aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho lwakhe kunyango lwezamazinyo.
Umfundi kucoceko lomlomo uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ngugqirha kwezamazinyo, yingcali eyanga amazinyo, ingcali yococeko lomlomo nelinye igcisa elibhalisileyo kwaye uya kunyina ezo zenzo aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho lwakhe kucoceko lomlomo lonyango lwezamazinyo.
ISIHLOMELO 2
IBHODI YOBUGCISA YEENZULULWAZI NGESONDLO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUMAGCISA ENZULULWAZI NGESONDLO
Incutshe kwisondlo, umanejala wenkonzo zokutya, igcisa lesondlo nomfundi kwinzululwazi ngesondlo baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kumthetho wesi-2 ukuya kowama-27. Intsilelo eyenziwe yincutshe kwisondlo, ngumanejala wenkonzo zokutya, liigcisa lesondlo nangumfundi kwinzululwazi ngesondlo baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yincutshe kwisondlo
Incutshe kwisondlo -
a iya kuzibophelela kukwenza izenzo zobugcisa kwisifundo sesondlo asifundisiweyo, waze waqeqeshwa wandula wafumana amava; kwaye b aliyi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana namanye amagcisa abalisileyo ekunyangeni isigulana .
a Uya kwenza kuphela izenzo kwinzululwazi ngesondlo phantsi kokonganyelwa yincutshe kwisondlo okanye igcisa kwisondlo;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kwinzululwazi ngesondlo;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumanejala wenkonzo yokutya
Umanejala wenkonzo yokutya uya kuzibophelela ekwenzeni izenzo zobugcisa kwisifundo sokulawula inkonzo yokutya asifundeleyo waze wasiqeqeshelwa nalapho afumene khona amava.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa kwisondlo
Igcisa kwisondlo -
a liya kwenza kuphela izenzo kwinzululwazi ngesondlo phantsi kokonganyelwa ligcisa elibhalisileyo;
b liya kunyina izenzo ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe;
c aliyi kuba nomsebenzi wabucala wokunyanga .
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedisi kwisondlo
Umncedisi kwisondlo -
a liya kwenza kuphela izenzo kwinzululwazi ngesondlo phantsi kokonganyelwa ligcisa kwisondlo okanye yincutshe kwisondlo;
b liya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a lize lenze ezo zenzo ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kwinzululwazi ngesondlo
Umfundi kwinzululwazi ngesondlo uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa kwaye liya kunyina izenzo ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kulawulo lwenkonzo yokutya
Umfundi kulawulo lwenkonzo yokutya uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa elibhalisileyo kwaye uya kunyina izenzo ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kwisondlo
Umfundi kwisondlo uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa elibhalisileyo kwaye uya kunyina izenzo ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe.
ISIHLOMELO 3
IBHODI YOBUGCISA YAMAGCISA ENENKATHALO YOXAKEKO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EOHATHELELE NGOKUKODWA KUBUGCISA BENKATHALO YOXAKEKO
a akayi kwenza nasiphi isenzo sobugcisa okanye enze nawuphi umsebenzi ophathelele nakwesiphi isenzo ngaphandle kwezenzo ezimiselwe kumthetho wokuziphatha ofanelekileyo okanye isihlomelo saloo mthetho wokuziphatha ovunywe yibhodi; kwaye b ukayi kukugqithisela imfanelo yanyango lwesigulana nakowuphi umntu olungele ngaphantsi kunaye okanye ongenamava ngaphandle kokuba Umncedisi osisiseko wengqwelo yezigulana, umncedisi wenkathalo yoxakeko, umncedisi woxakeko wengqwelo yezigulana, umongi woxakeko wotyando, okanye iparamedikhi, lenza imfanelo epheleleyo yezenzo ezikummandla womsebenzi walo.
Umfundi osisiseko ongumncedisi wengqwelo yezigulana, uya kwenza izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ngumncedi wenkathalo yoxakeko obhalisileyo, kuze kwimeko yomfundi umfundi wenkathalo yoxakeko, ngumfundi ongumncedisi woxakeko wenqwelo yezigulana okanye umfundi weparamedikhi benze kuphela phantsi kokonganyelwa ngugqirha okanye yiparamedikhi kwaye baya kunyina oko kwenza ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwabo.
ISIHLOMELO 4
IBHODI YOBUGCISA YAMAGCISA EMPILO YOMMANDLA
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUBUGCISA BEMPILO YOMMANDLA
Igcisa lezempilo yommandla, umncedisi wezempilo yommandla, umhloli wokutya nomfundi kwezempilo yommandla baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kumthetho wesi-2 ukuya kowama-27. Intsilelo eyenziwe ligcisa lezempilo yommandla, ngumncedisi wezempilo yommandla , ngumhloli wokutya nomfundi kwezempilo yommandla baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lezempilo yommandla
Igcisa lezempilo yommandla -
a liya kuzibophelela ekusebenzeni kumamndla wezempilo yommandla akufundeleyo waze waqeqeshwa; kwaye b aliyi kuba nomsebenzi wabucala ngaphandle kokuba lizalisekise iimfuneko zebhodi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedisi wezempilo yommandla
Umncedisi wezempilo yommandla -
a uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa lezempilo yommandla;
b liya kuzibophelela ekusebenzeni kumamndla wezempilo yommandla akufundeleyo waze waqeqeshwa; kwaye c akayi kuba nomsebenzi wabucala ngaphandle.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumhloli wokutya
Umhloli wokutya -
a uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa lezempilo yommandla;
b liya kuzibophelela ekusebenzeni kumamndla wezempilo yommandla akufundeleyo waze waqeqeshwa; kwaye c akayi kuba nomsebenzi wabucala ngaphandleractice.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi wezempilo yommandla uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ligcisa lezempilo yommandla;
ISIHLOMELO 5
IBHODI YOBUGCISA BOBUCHWEPHESHE BEZONYANGO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUBUGCISA YOBUCHWEPHESHE BEZONYANGO
Umfundi wobugcisa bezonyango, igcisa lezonyango, umfundi osafundayo kubugcisa bobuchwepheshe bonyango, umfundi ofundela ubugcisa bezonyango, baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kumthetho wesi-2 ukuya kowama-27. Intsilelo eyenziwe ngumfundi wobugcisa bbezonyango, ligcisa lezonyango, umfundi osafundayo kubugcisa bezonyango, ngumfundi ofundela ubugcisa bezonyango baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi wobugcisa bezonyango
Umfundi wobugcisa bezonyango -
a uya kuzibophelela kumsebenzi wesifundo esisodwa asifundeleyo, waqeqesha waze wabhalisa;
b akayi kuba nomsebenzi bucala ngaphandle -
i kokufumana amava esidanga esilandela esokuqala iminyaka emibini ubuncinane; kwaye ii afumane kuqala imvume ebhaliweyo evela kwibhodi; kwaye c uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kwesazinzulu ngamayeza esibhalisileyo kweso sifundo sifanelekileyo okanye ukuba akthobeli ulungiselelo lomhlathi b: Ngaphandle kokuba oku kwalelwa kusebenza kuphela kwizenzo ezishiyiweyo njengoko kumiselwa yibhodi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lezonyango
Igcisa lezonyango -
a liya kuzibophelela kumsebenzi wesifundo esisodwa asifundeleyo, waqeqesha waze wabhalisa;
b liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa ngugqirha okanye ngumfundi wobugcisa bezonyango obhalisileyo kwisifundo esifanelekileyo; kunye c akayi kuba nomsebenzi bucala ngaphandle.
Umfundi osafundayo wobugcisa bezonyango -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa ngumsebenzi obhalisileyo kwisifundo esifanelekileyo;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe njengexalenye yoqeqesho olusesikweni kwisifundo asifundayo;
c akayi kuba nomsebenzi wabucala; kwaye d ukuba ugqibile uqeqesho akayi kwenza nasiphi isenzo sobugcisa ngaphandle kokuba wanelise zonke iimfuneko zemfundo zokubhalisa njengomfundi wobugcisa bobugqirha kwaye sele ebhalisiwe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kubugcisa bezonyango
Umfundi kubugcisa bezonyango -
a liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa ngumsebenzi obhalisileyo kwisifundo esifanelekileyo;
c uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho kwisifundo semfundo yakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedisi welebhu
Umncedisi welebhu -
a liya kuzibophelela kumsebenzi wesifundo esisodwa sobugcisa bobugqirha asifundeleyo, waqeqesha waze wabhalisa;
b liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa ngugqirha okanye ngumfundi wobugcisa bobugqirha obhalisileyo kwisifundo esifanelekileyo; kunye c akayi kuba nomsebenzi bucala ngaphandle.
ISIHLOMELO 6
IBHODI YAMAGCISA ONYANGO NAMAZINYO
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUBUGCISA BOBUGQIRHA NAMAZINYO
Ugqirha , ugqirha kwezamazinyo, incutshe engugqirha, incutshe kagqirha yamazinyo, injineli yobugqirha, igcisa kwezamayeza, umcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, isazinzulu esigcisa lobugqirha, ugqirha osafundayo kwinjineli yobugqirha, ugqirha osafundayo kwinzululwazi ngezobugcisa nogqirha osafundayo kwinzululwazi ngamayeza baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kumthetho wesi-2 ukuya kowama-27. Intsilelo eyenziwe ngugqirha , ngugqirha kwezamazinyo, yincutshe engugqirha, yincutshe kagqirha yamazinyo, yinjineli yobugqirha, ligcisa kwezamayeza, ngumcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, sazinzulu esiligcisa lobugqirha, ngugqirha osafundayo kwinjineli yobugqirha, ngugqirha osafundayo kwinzululwazi ngezobugcisa nogqirha osafundayo kwinzululwazi ngamayeza baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ugqirha okanye incutshe kagqirha -
a uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa kummandla wamayeza awufundeleyo waze waqeqeshwa waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bomsebenzi wakhe;
b akayi kusilela ukunxibelelana niokusebenzisana noogqirha, neengcutshe namagcisa empilo ekuxilongeni nasekunyangeni isigulana; kwaye c akayi kusayina amaxwebhu asemthethweni njengeengxelo, izatifikhethi, imimiselo ngaphandle kokuba igama lakhe libhalwe ecaleni kosayino lwakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngugqirha kwezamazinyo okanye incutshe kagqirha yamazinyo
Ugqirha kwezamazinyo nencutshe kagqirha yamazinyo -
a uya kwenza kuphela izenzo zobugcisa kummandla kwezamazinyo awufundeleyo waze waqeqeshwa waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bomsebenzi wakhe;
b akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana noogqirha, neengcutshe namagcisa empilo ekuxilongeni nasekunyangeni isigulana; kwaye c akayi kusayina amaxwebhu asemthethweni njengeengxelo, izatifikhethi, imimiselo ngaphandle kokuba igama lakhe libhalwe ecaleni kosayino lwakhe.
Ulwahlulelwano nabantu bobulungisa
 Apho isigulana sibonwa -
a yincutshe engugqirha okanye incutshe kagqirha yamazinyo aze ugqirha okanye ugqirha kwezamazinyo osebenza njengoko kuchaziwe kumthetho 83, loo ncutshe nogqirha okanye ugqirha kwezamazinyo uya kuhlawulisa umrhumo ofanelekileyo kugqirha okanye kugqirha kwezamazinyo angahlawulisi ezo zisebenza kwincutshe kagqirha okanye kwincutshe kagqirha yamazinyo; kwaye b yincutshe kagqirha okanye incutshe kagqirha yamazinyo kuphela enghlawulisa umrhumo ofanelekileyo kulo.
Ulungiselelo kumthetho 8 3 uya kunyinwa ukuba -
a incutshe kagqirha esebenza kobunye ubuncutshe obumiselweyo obunxulumene nobugqirha bezifo iya kukhethwa kwimvume yokwenza umsebenzi omanyeneyo ngokuphathelele kwigatya lama-54A, okanye ukwenza ulwahlulelwano okanye umbutho nogqirha, nencutshe kagqirha okanye nomnye ugqirha ongasebenzi kobunye ubuchule obunxulumene nobugqirha bezifo;
b incutshe kagqirha osebenza kukuxilonga ngenzululwazi ngeX-reyi neminye imitha esetyenziswa ngakumbi ekunyangeni iya kukhethwa kukusebenza kwimvume ukwenza umsebenzi womanyano ngokuphathelele kwigatya lama- 54A, okanye ukwenza ulwahlulelwano okanye umbutho nogqirha, nencutshe kagqirha okanye nomnye ugqirha ongasebenzi kobunye ubuchule bokuxilonga ngenzululwazi ngeX-reyi neminye imitha esetyenziswa ngakumbi ekunyangeni;
c isinxaxhi kuphela kwisithintelo esiphathelele kwincutshe yezifo ngokubhekiselele kumhlathi a siya kuba sesokuba incutshe ngezifo iya kuvunyelwa ukuba yenze umanyano lomsebenzi, ulwahlulelwano okanye umbutho negcisa lobugqirha elibhalise kwisifundo esifanelekileyo kuluvo lokuba la magcisa mabini anxulumene ngokuphathelele kummandla womsebenzi wobugcisa; kwaye d isinxaxhi kuphela kwisithintelo esiphathelele kwiznululwazi ngeX- reyi neminye imitha esetyenziswa ngakumbi ekunyangeni ngokubhekiselele kumhlathi b siya kuba sesokuba inzululwazi ngeX-reyi neminye imitha estyenziswa ngakumbi ekunyangeni iya kuvunyelwa ukwenza umanyano lomsebenzi, ulwahlulelwano okanye umbutho nogqirha wenyukliya okanye nomntu oqeqeshelwe ukuthatha iifoto zeX-reyi obhalisehe kwisifundo esifanelekileyo kuluvo lokuba la magcisa ooqgirha anxulumene ngokuphathelele kwisimo sommandla womsebenzi wobugcisa.
Incutshe kagqirha nencutshe kagqirha yamazinyo
Incutshe kagqirha nencutshe kagqirha kwezamazinyo baya kubambelela kwimithetho enxulumene nobuNcutshe kunye nobuNcutshe obungaphantsi kwezobuGqirha namaZinyo epapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente No. R. 590 wama- 29 Juni 2001.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yinjineli yobugqirha, ligcisa kwezamayeza, ngumcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, sisazinzulu esiligcisa lobugqirha, ngugqirha wamayeza
Injineli yobugqirha, ligcisa kwezamayeza, ngumcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, sisazinzulu esiligcisa lobugqirha, ngugqirha wamayeza a liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela ngokucelwa nangokucebisana nogqirha jikelele okanye ugqirha kwezamazinyo ;
b iya kwenza izenzo zobugcisa ezinxulumene ngqo nokunyanga okanye ukuyxilonga isigulana kwinkampani yabucala enogqirha okanye ugqirha kwezamazinyo oxilonga okanye onyanga eso sigulana; kwaye c ayiyi kusayina amaxwebhu asemthethweni afana neengxelo, izatifikhethi okanye imimiselo ngaphandle kokuba igama lakhe libhalwe ecaleni kosayino lwakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngugqirha omtsha osafundayo esibhedlele
Ugqirha omtsha osafundayo esibhedlele -
a uya kwenza izenzo zobugcisa njengenxenye yenkqubo yokuqeqeshelwa ubugqirha emiselweyo kwindawo evunyiweyo phantsi kokonganyelwa ngugqirha njongokumiselwa yile njongo nangokuphathelele kwizikhokelo zebhodi;
b uya kunyina izenzo zokubhekiselele ku a aze azenze ngokunxulumene nemfundo noqeqesho lwakhe njengenxalenye yenkqubo yokufunda emiselweyo ;
e Ukuba ugqibile ukufunda esibhedlele akayi kwenza izenzo zobugcisa ade anelise zonke imfuneko zokufunda zokubhalisa njengogqirha, njengoko sele ebhalisiwe kakade f Akanakusayina amaxhwebhu asemthethweni anjengeengxelo, izatifikhethi okanye imimiselo ngaphandle kokuba igama lakhe libhalwe ecaleni kosayino lwakhe.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngugqirha osafundayo osesibhedlele wenjineli yobugqirha, wegcisa kwezamayeza, womcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, wesazinzulu esiligcisa lobugqirha, wegqirha wamayeza
Ugqirha osafundayo osesibhedlele wenjineli yobugqirha, wegcisa kwezamayeza, womcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, wesazinzulu esiligcisa lobugqirha, wegqirha wamayeza -
a uya kwenza izenzo zobugcisa njengenxenye yenkqubo yokuqeqeshelwa ubugqirha emiselweyo kwindawo evunyiweyo phantsi kokonganyelwa ngugqirha njongokumiselwa yile njongo nangokuphathelele kwizikhokelo zebhodi;
b uya kunyina izenzo zokubhekiselele ku a aze azenze ngokunxulumene nemfundo noqeqesho lwakhe njengenxalenye yenkqubo yokufunda emiselweyo kwisifundo semfundo yakhe ;
e Ukuba ugqibile ukufunda esibhedlele akayi kwenza izenzo zobugcisa ade anelise zonke imfuneko zokufunda zokubhalisa njengogqirha, njengoko sele ebhalisiwe kakade f Akanakusayina amaxhwebhu asemthethweni anjengeengxelo, izatifikhethi okanye imimiselo ngaphandle kokuba igama lakhe libhalwe ecaleni kosayino lwakhe.
a uya kwenza izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ngugqirha njongokumiselwa yile njongo nangokuphathelele kwizikhokelo zebhodi;
b uya kunyina izenzo zokubhekiselele ku a aze azenze ngokunxulumene nemfundo noqeqesho lwakhe ;
ISIHLOMELO 7
Ingcali yokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, umcedisi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, igcisa lokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, umfundi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, ingcali kunyango lobugcisa, umfundi kunyango lobugcisa, ingcali ye-othotiki okanye ingcali yeprosthetiki, igcisa lokunyanga izifo zamathambo, umncedisi kwi-othotiki okanye kwiprosthetiki, umsebenzi wofele kunye nomfundi kwi-othotiki okanye kwiprosthetiki baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kwimithetho ukusuka kowesi- 2 ukuya kuma- 27. Intsilelo eyenziwe yingcali Ingcali yokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, umcedisi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, igcisa lokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, umfundi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo, ingcali kunyango lobugcisa, umfundi kunyango lobugcisa, ingcali ye-othotiki okanye ingcali yeprosthetiki, igcisa lokunyanga izifo zamathambo, umncedisi kwi-othotiki okanye kwiprosthetiki, umsebenzi wofele kunye nomfundi kwi-othotiki okanye iprosthetiki baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ingcali enyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo-
a iya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kummandla wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo kwimfundo noqeqesho lwayo kwaye efumene kuwo amava, likhathalela ubukhulu nokunyinwa kobuchule bobugcisa;
b iya kunxibelelana ize isebenzisane nogqirha namanye amagcisa ezempilo abahlisileyo ekuxilongeni nagekunyangeni umguli; ize c kumsebenzi wabucala ingaqeshi nawuphi umntu onumncedisi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo okanye igcisa lokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo ingakhange kuqala afumane imvume yebhodi ebhaliweyo: Ngaphandle kokuba oku kwalelwa akuyi kusebenza kwimeko yengqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedisi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo
Umncedisi wokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phatsi kokonganyelwa yingcali yokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo okanye ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo: Ngaphandle kokuba kulo meko ukonganyelwa ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo akuyi kuba ngaphezulu kwiinyanga ezintandathu;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kwisifundo semfundo yakhe;
c akayi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu; kwaye d akayi kuba nomsebenzi wabucala.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo
Igcisa lokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo -
a liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phatsi kokonganyelwa yingcali yokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo okanye ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo: Ngaphandle kokuba kulo meko ukonganyelwa ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo akuyi kuba ngaphezulu kwiinyanga ezintandathu;
b liya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kwisifundo semfundo yakhe;
c akayi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu; kwaye d akayi kuba nomsebenzi wabucala.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kunyango lomguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo
Umfundi kunyango lomguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phatsi kokonganyelwa yingcali yokunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo okanye ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo: Ngaphandle kokuba kulo meko ukonganyelwa ngugqirha obhalisileyo ofanelekileyo akuyi kuba ngaphezulu kwiinyanga ezintandathu;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kukunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yingcali yonyango kubugcisa
Ingcali yonyango kubugcisa -
b iya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kukunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo c aliyi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli; lize d aliayi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu; kwaye.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kunyango lobugcisa
Umfundi kunyango lobugcisa -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa yingcali yokunyanga ubugcisa ; aze b anyinwe izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kukunyanga ubugcisa.
d uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kukunyanga umguli ngokumnika umsebenzi awufaneleyo c akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli;
d akayi kunyanga ngokunxulumene okanye ngengcebiso okanye ngoncedo lokulungiselela okanye ngenjongo yokwenza, yokulungisa, yokunika, okanye yokulunga okanye yokulungisa amalungu enziweyo okanye ezinye izixhobo ezifanayo zokunceda nokokuba zezenzuzo apho ezo zixhobo zinikiweyo zinikwe kumguli ngumntu ongengogqirha we-othotiki okanye weprosthetiki.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lokunyanga izifo zamathambo
Igcisa lokunyanga izifo zamathambo eenyawo -
c liya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwalo kwisifundo sakhe semfundoo
c uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kwisifundo sakhe semfundo.
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo noqeqesho lwakhe kwi-othotiki okanye kwiprosthetiki.
ISIHLOMELO 8
IBHODI YOBUGCISA BENZULULWAZI NGOKUNYANGA AMEHLO NOOGQIRHA BAMEHLO ABAKHUPHA AMAYEZA
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOKUKODWA KUBUGCISA BENZULULWAZI NGOKUNYANGA AMEHLO NOOGQIRHA BAMEHLO ABAKHUPHA AMAYEZA
Ingcali yenzululwazi yokunyanga amehlo, umfundi kwinzululwazi yonyango lwamehlo, ugqirha wamehlo okhupha amayeza nomfundi kubugqirha bamehlo obukhupha amayeza baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ekubhekiselelwe kwimithetho ukusuka kowesi- 2 ukuya kuma- 27. Intsilelo eyenziwe yingcali kwinzululwazi yokunyanga amehlo, ngumfundi kunyango lwamehlo, ngugqirha wamehlo okhupha amayeza nangumfundi kubugqirha bamehlo obukhupha amayeza baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
 Ingcali yenzululwazi yokunyanga amehlo a iya kunika kuphela iinkonzo zokunyanga amehlo kuqukwa nokumiselwa kwezibonisi, izilanga ezinxitywa elisweni endaweni yezipeksi nezincedi ezibonwayo okanye izixhobo. Apho isifo sesixokelelwano sokubonwayo siboniwe okanye sikrokrelwa okanye apho umguli angenakho ukubona ngokuqhelekileyo okanye umbonakude ngoncedo loncedo lwezilanga ezichanekileyo okanye ngezinye iindlela zezilungiso ingcali iya kusebenzisana nogcisa lezempilo elifumene imfundo noqeqesho olwaneleyo oluvunywe yibhodi kule njongo; kwaye b iya kunyanga umguli kuphela esebenzisa into eseshedyuliweyo ngokomThetho weZinto eziNxulumeneyo namaYeza, , 1965 umThetho No. 101 wowe-1965.
Nangona iimfuneko ezinxulumene negama lomsebenzi ngokubhekiselelwe kumthetho wesi-5, ingcali iya kusebenzisa igama lomsebenzi: Ngaphandle kokuba -
a lifumene imvume kuqala kwibhodi lokusebenzisa igama lomsebenzi;
b elo gama okanye ukusetyenziswa alilahlekisi ngokungafanelekanga okanye alikhohlisi kwaye ligcine umfanekiso wobugcisa okanye linika isidima kubugcisa kwaye elo gama lomsebenzi alibangi ubukhulu begngcali ebhalisileyo c amagama oogqirha abanemfanelo aboniswa kunye okanye ecaleni kwegama lomsebenzi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kwinzululwazi yonyango lwamehlo
Umfundi kwinzululwazi yonyango lwamehlo -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa yingcali kwinzululwazi yonyango lwamehlo okanye ngugqirha ; kwaye b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kwinzululwazi yonyango lwamehlo.
Ugqirha okhupha amayeza akasayi kukhupha zibonisi nangayiphi indlela ezikhuphula nawuphi umntu ngaphandle kokumiselwa okubhaliweyo kwaze kwasayinwa ngugqirha okanye ingcali yenzululwazi yokunyanga amehlo: Ngaphandle kokuba lo mthetho awusebenzi kukulungiwswa nokutshintshwa kwezo zipeksi, okanye izilanga okanye izakhelo zezo zipeksi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kubugqirha bokukhupha amayeza
Umfundi kubugqirha bokukhupha amayeza -
c uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela phantsi kokonganyelwa ngugqirha okhupha amayeza yingcali kwinzululwazi yonyango lwamehlo okanye ngugqirha ; kwaye d uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kukukhupha amayeza.
ISIHLOMELO 9
IBHODI YOBUGCISA KUKUNYANGA UMZIMBA NGOKUTHAMBISA IPHODIYATRI NEBAYOKHINETIKI
Ingcali enyanga umzimba ngokuthambisa, umncedisi wokunyanga umzimba ngokuthambisa, umfundi kunyango lomzimba ngokuthambisa, ingcali yephodiyatri, umfundi kwiphodiyatri, ingcali kwibhayokhinetiki, umfundi kwibhayokhinetiki baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ekubhekiselelwe kwimithetho ukusuka kowesi- 2 ukuya kuma- 27. Intsilelo eyenziwe yingcali enyanga umzimba ngokuthambisa, ngumncedisi wokunyanga umzimba ngokuthambisa, ngumfundi kunyango lomzimba ngokuthambisa, yingcali yephodiyatri, ngumfundi kwiphodiyatri, yingcali kwibhayokhinetiki, ngumfundi kwibhayokhinetiki baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yingcali umzimba ngokuthambisa
Ingcali yokunyanga umzimba ngokuthambisa -
a iya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kukuxilonga kwasesibhedlele nokusebenza kummandla wokunyanga umzimba ngokuthamba akufundeleyo ize waqeqeshwa kuko, afumene amava koko, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule balo kudidi olulodwa olubhalisiweyo lokunyanga ubugcisa ;
b ayiyi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli;
c iya kuthumela umguli kugqirha xa iingxaki zomguli nezidingozingaphaya kukunyangwa komzimba ngokuthambisa; lize d ayiyi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu.
Ukwenziwa komsebenzi wobugcisa ngumcedisi wokunyanga umzimba ngokuthambisa
Umncedisi wokunyanga umzimba ngokuthambisa akayi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lokunyanga umzimba ngokuthambisa
Igcisa lokunyanga umzimba ngokuthambisa aliyi kwamkela ingqesho ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yibhodi: Ngaphandle kokuba ukwalelwa akuyi kusebenza kwingqesho esisigxina okanye esisingxungxu kwinkonzo yoluntu.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kunyango lomzimba ngokuthambisa
Umfundi kunyango lomzimba ngokuthambisa -
a uya kwenza izenzo eziphathelele kukunyanga umzimba ngokuthamba kuphela phantsi kokonganyelwa yingcali kukunyanga umzimba ngokuthamba okanye ungugqirha;
b uya kunyina izezno ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kukunyanga umzimba ngokuthamba.
a iya kuphanda ize inyange kuphela iimpazamo eziphantsi kommandla wobugcisa bephodiyatri onl;
c kunyango lwaye nawuphi umntu iya kusebenzisa kuphela amayeza avunyelwe loo njongo yibhodi;
d uya kulawula amayeza okubulala entlungu alo ndawo kuphela kwinjongo yokudambisa iintlungu , amayeza awodwa awavunywe yibhodi nemithetho yokugunyazisa yamayeza;
c iya kwenza izenzo zobugcisa ezifuna amayeza okubulala ukuva intlungu kuphela ngokusebenzisana nogqirha .
a uya kwenza izenzo eziphathelele kukunyanga umzimba ngokuthamba kuphela phantsi kokonganyelwa yingcali kwiphodiyatri okanye ungugqirha only;
b uya kunyina izezno ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kwiphodiyatri.
a iya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kukuxilonga kwasesibhedlele nokusebenza kummandla wokunyanga umzimba ngokuthamba akufundeleyo ize waqeqeshwa kuko, afumene amava koko, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule balo kudidi olulodwa olubhalisiweyo lokunyanga ubugcisa ;
b ayiyi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli;
c iya kuthumela umguli kugqirha xa iingxaki zomguli nezidingo ezingaphaya kwebhayokhinetiki.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kwibhayokhinetiki
Umfundi kweibhayokhinetiki -
a uya kwenza izenzo eziphathelele kukunyanga umzimba ngokuthamba kuphela phantsi kokonganyelwa yingcali kwibhayokhinetikii okanye ungugqirha only;
b uya kunyina izezno ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kwibhayokhinetiki.
ISIHLOMELO 10
IBHODI YOBUGCISA KUKWENZIWA KWEEFOTO ZEX-REYI NOBUGCISA BASESIBHEDLELE
IMITHETHO YOKUZIPHATHA EPHATHELELE NGOPKUKODWA KUBUGCISA BOKWENZIWA KWEEFOTO ZEX-REYI NOBUGCISA BASESIBHEDLELE
Incutshe yokwenza iifoto zeX-reyi, umncedisi wokwenza iifoto zeX-reyi, igcisa laslebhu yokusasaza imitha, umfundi kubugcisa belebhu yokusasaza imitha, umntu onesidanga kubugcisa basesibhedlele okanye igcisa kubugcisa basesibhedlele ( obhalise phambi komhla woku-1 ku-Epreli 2002) igcisa kubugcisa basesibhedlele ( elibhalise emva kwama-31 kuMatshi 2002), umncedisi kubugcisa basesibhedlele, umfundi kwinzululwazi ye-elektro yokukrala kobuchopho, umfundi kubugcisa basesibhedlele nomfundi kwinzululwazi ye-elektro yokurala kobuchopho baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ebhekiselelwe kumthetho wesi-2 ukuya kowama-27. Intsilelo eyenziwe yincutshe yokwenza iifoto zeX-reyi, umncedisi wokwenza iifoto zeX-reyi, igcisa laslebhu yokusasaza imitha, umfundi kubugcisa belebhu yokusasaza imitha, ngumntu onesidanga kubugcisa basesibhedlele okanye ligcisa kubugcisa basesibhedlele ( obhalise phambi komhla woku-1 ku-Epreli 2002) ligcisa kubugcisa basesibhedlele ( elibhalise emva kwama-31 kuMatshi 2002), ngumncedisi kubugcisa basesibhedlele, ngumfundi kwinzululwazi ye-elektro yokukrala kobuchopho, ngumfundi kubugcisa basesibhedlele nomfundi kwinzululwazi ye-elektro yokurala kobuchopho baya baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho/
Incutshe yokwenza iifoto zeX-reyi-
a iya kwenza izenzo zobugcisa kuphela ngesicelo esibhaliweyo kwaye iphantsi kokonganyelwa ngugqirha opvunywe yibhodi kuloo njongo: Ngaphandle kokuba olo lwalelo aluyi kusebenza ngokuphathelele-
i kwizenzo eziphathelele kubugcisa bokwenziwa kweefoto zeX-reyi ezimiselwe yibhodi kulo njongo;
ii incutshe yokwenza iifoto zeX-reyi iya kuthobela iimeko ezimiselwe yibhodi kulo mba kwaye kwingcamango yaloo bhodi unobuchule bokwenza izenzo zobugcisa ngaphandle kokonganyelwa sisicelo esibhaliweyo saloo gqirha;
iii isicelo salo gqirha esinegcamango yokuba incutshe yokwenza iifoto zeX-reyi zisekelwe kwizizathu ezaneleyo nezifanelekileyo: Ngaphandle kokuba isicelo sibhaliwe saza sasayinwa ngumntu owenza isicelo b iya kucebisana kulo mba nangowuphi umsebenzii ewenzayo kubugcisa balo nogqirha ovunywe yibhodi owenziwe umsebenzi phantsi kwakhe ;
c ayiyi kutolika uphando lokwenziwa kweefoto zeX-reyi, iingxelo okanye inike ulwazi ngomsebenzi owenziwe lilo nakuwuphi umntu ngaphandle kogqirha' igcisa lezempilo ovunywe yibhodi kwisicelo sakhe sokwenziwa komsebenzi;
d kumsebenzi walo aliyi kudlula kwimida yodidi okanye iindidi abhaliselwe zona.
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kokwenziwa kweefoto zeX-reyi phantsi kokonganyewa ngugqirha ovunywe yibhodi okanye kwencutshe yokwenziwa kweefoto zeX-reyi;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundoyakhe noqeqesho kukwenziwa kweefoto zeX-reyi;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa kwelebhu yokusasazwa kwemitha
Igcisa lelebhu yokusasazwa kwemitha -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kubugcisa belebhu yokusasazwa kwemitha phantsi kokonganyewa ngugqirha ovunywe yibhodi okanye kwencutshe yokwenziwa kweefoto zeX-reyi;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kubuchule belebhu yokusasazwa kwemitha;
Umfundi kukwenziwa kweefoto zeX-reyi -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kokwenziwa kweefoto zeX-reyi phantsi kokonganyewa ngugqirha ovunywe yibhodi okanye kwencutshe yokwenziwa kweefoto zeX-reyi;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundoyakhe noqeqesho kukwenziwa kweefoto zeX-reyi;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi wobugcisa kwilebhu yokusasazwa kwemitha
Umfundi kubugcisa belebhu yokusasazwa kwemitha -
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kubugcisa belebhu yokusasazwa kwemitha phantsi kokonganyewa ngugqirha ovunywe yibhodi okanye kwencutshe yokwenziwa kweefoto zeX-reyi;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene ngqo nemfundo yakhe noqeqesho kubuchule belebhu yokusasazwa kwemitha;
a uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kummandla wobugcisa basesibhedlele awufundeleyo aze waqeqeshwa kuko, afumene amava koko, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bakhe;
b akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli;
c uya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano negcisa elibhalisileyo elivunywe yibhodi okanye incutshe.
Igcisa lasesibhedlele eliphumelele emva kwama-31 kuMatshi 2002-
a liya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano negcisa elibhalisileyo elivunywe yibhodi okanye incutshe b liya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kummandla wobugcisa basesibhedlele awufundeleyo aze waqeqeshwa kuko, afumene amava koko, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule;
d aliyi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli.
Umncedisi wegcisa lasesibhedlele -
a uya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano namagcisa asesibhedlele, iincutshe okanye oogqirha abavunywe yibhodi okanye incutshe b uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela kummandla wobugcisa basesibhedlele awufundeleyo aze waqeqeshwa kuko, afumene amava koko, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule;
d akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli.
a liya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano namagcisa asesibhedlele, iincutshe okanye oogqirha abavunywe yibhodi okuloo njongo;
b liya kunyinwa izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a lize lenze ngokunxulumene nemfundo yalo noqeqesho kwinzululwazi nge-elektro yokukrala kobuchopho;
d akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumfundi kubugcisa besibhedlele
Umfundi kubugcisa besibhedlele -
a liya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano namagcisa asesibhedlele, iincutshe okanye oogqirha abavunywe yibhodi kulo njongo;
b liya kunyinwa izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a lize lenze ngokunxulumene nemfundo yalo noqeqesho kubugcisa basesibhedlele.
a liya kwenza izenzo zobuchule kuphela kwintsebenziswano namagcisa asesibhedlele, iincutshe okanye oogqirha abavunywe yibhodi kulo njongo;
b liya kunyinwa izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a lize lenze ngokunxulumene nemfundo yalo noqeqesho kubugcisa be-elektro yokukrala kobuchopho.
ISIHLOMELO 11
IBHODI YOBUGCISA YOBUGCISA BOKUTHETHA, BOLWIMI NOBOKUVA
Ingcali enyanga ukuthetha, ingcali enyanga ukuva, igcisa elinyanga ukuva, umncedi wezixhobo zokuva, umlungisi wokuthetha nokuva, umsebenzi woluntu wokuva nokuthetha, umncedisi wokuva nokuthetha baya kubambelela kule mithetho yokuziphatha ilandelayo ukongeza kwimithetho yokuziphatha ekubhekiselelwe kwimithetho ukusuka kowesi- 2 ukuya kuma- 27. Intsilelo eyenziwe yingcali enyanga ukuthetha, yingcali enyanga ukuva, ligcisa elinyanga ukuva, ngumncedi wezixhobo zokuva, umlungisi wokuthetha nokuva, umsebenzi woluntu wokuva nokuthetha, ngumncedisi wokuva nokuthetha,baya kuthobela imithetho yokuziphatha edweliswe apha iya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa yingcali yokuthetha okanye yokuva
Ingcali yokuthetha okanye yokuva -
a liya kwenza izenzo zobuchule kukuxilonga kwasesibhedlele lize lisebenze kummandla wokunyanga ulwimi-ntetho okanye ukuva eliwufundeleyo waze wakuqeqeshelwa apho lifumene khona amava, likhathalela ubukhulu nemida yobuchule bobugcisa;
b akayi kusilela ukunxibelelana nokusebenzisana, apho kufanelekileyo nogqirha namanye amagcisa ezempilo abhalisileyo ekuxilongeni nasekunyangeni umguli;
c liya kuthumela kwigcisa okanye kubugcisa bemfundo xa iingxaki zomguli nezidingo zingaphaya kommandla wokunyangwa kolwimi-ntetho okanye ukuva.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ligcisa lokuva
Igcisa lokuva -
a liya kusebenza kuphela kwimimandla efanelekileyo apho afumene khona uqeqesho namava ethathela inkathalo kubukhulu namava obuchule bobugcisa;
b liya kwenza kuphela nawuphi umsebenzi kwinzululwazi yokuva-
i phantsi kwengcali yokuva;
ii ngemvume ebhaliweyo kuqala yibhodi ngokuyalelwa nokonganyelwa ngugqirha namanye amagcisa avunywe yibhodi.
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumncedi wezixhobo zokuva
Umncedi wezixhobo zokuva -
a uya kuzibophelela kumsebenzi okwimimandla aqeqeshelwe kuyo waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bobugcisa;
b uya kuthumela kwigcisa xa iingxaki zomguli nezidingo zingaphaya kommandla womncedi wezixhobo zokuva.
c akasayi kuxilonga ubuchule bokuva komntu;
d angakhetha aze alinganise isixhobo sokuva kbantwana abangaphantsi kweminyaka eli-10 okanye abantu abakhubazeke kaninzi;
e angafakela igama lakhe ekungeneni kwekhemesti ngaphandle kokuba ubhalise
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumlungisi wokuthetha nokuva
Umlungisi wokuthetha nokuva -
a uya kuzibophelela kumsebenzi okwimimandla aqeqeshelwe kuyo waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bobugcisa;
b akayi kwenza naluphi unyango lokuthetha okanye lolwimi okanye lokuva ngaphandle kwesikolo sokuqala, isikolo sabantwana okanye isikolo sezithulu nabangavi kakuhle esilawulwa ngurhulumente okanye lisebe leMfundo lephondo elibandakanyekayo okanye elinye iziko elinokuvunywa yibhodi kuloo njongo;
c akayi kwenza naluphi unyango lokuthetha okanye lolwimi okanye lokuva, ekuhloeni nasekunyangeni okunxulumene namasebe emfundo okanye amanye amaziko ngaphandle kokuba uphantsi kokonganyelwa ngqo yingcali enyanga ukuthetha okanye yingcali enyanga ukungeva;
Ukwenziwa kwezenzo zobugcisa ngumsebenzi woluntu wokuthetha nokuva
Umsebenzi woluntu wokuthetha nokuva -
a uya kuzibophelela kumsebenzi okwimimandla aqeqeshelwe kuyo waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bobugcisa;
b akayi kwenza nawuphi umsebenzi woluntu kukuthetha okanye kulwimi okanye kukuva ngaphandle xa eqeshwe liziko elaziwa yibhodi;
c akayi kwenza nawuphi umsebenzi woluntu kukuthetha okanye kulwimi okanye kukuva kwiziko apho kuqeshwe igcisa lokunyanga ukuthetha okanye igcisa lokunyanga lokuva ngaphandle kokuyalelwa ligcisa lokunyanga ukuthetha kunye/okanye yokuva;
d akayi kwenza nawuphi umsebenzi woluntu kukuthetha okanye kulwimi okanye kukuva ngaphandle kokuba ucebisana nogqirha jikelele okanye kwiimeko ezibandakanya iimeko zomlomo ekucebisaneni nogqirha kwezamazinyo;
e akayi kwenza nawuphi umsebenzi woluntu kukuthetha okanye kulwimi nokuva apho ukonganyelwa ligcisa lokunyanga ukuthetha kunye/okanye igcisa elinyanga ukuva ukuba nokwenzeka ethathela ingqalelo ukuba kufuphi apho ukonganyelwa kungenakwenzeka, ecebisana negcisa elinyanga ukuthetha okanye elinyanga ukuva;
Ukwenza izenzo zobugcisa zomncedisi wokuthetha nokuva
Umncedisi wokuthetha nokuva -
a uya kuzibophelela kumsebenzi okwimimandla aqeqeshelwe kuyo waze wafumana amava, ekhathalela ubukhulu nemida yobuchule bobugcisa;
b uya kwenza izenzo zobugcisa kuphela -
i phantsi kwemiyalelo nokongamelwa okanye kwingqesho yegcisa lokunyanga ukuthetha okanye yegcisa lokunyanga ukuva kumacandelo empilo okanye emfundo;
ii ngemvume yebhodi, phantsi kwemiyalelo nokonganyelwa gugqirha jikelele namanye amagcisa abhalise nebhodi;
c akayi kwamkela umsebenzi ngaphandle kwemvume ebhalwe yibhodi kuqala: Ngaphandle kokuba oko kwalelwa akuyi kusebenza kwimeko yokuqeshwa ngokwesigxina okanye ngokwesingxungxu kumacandelo ezempilo nawemfundo kwinkonzo yoluntu;
Umfundi kubugcisa bokuthetha, bolwimi nobokuva -
a uya kwenza izenzo zobugcisa phantsi kokonganyelwa ngugqirha kuphela;
b uya kunyina izenzo ngokubhekiselele kumhlathi a aze enze ngokunxulumene nemfundo noqeqesho lwakhe kobo bugcisa bubandakanyekayo.
